10. Aze athi uYesu kuye, Suka umke, Sathana; kuba kubhaliwe kwathiwa, YiNkosi uThixo wakho oya kuqubuda kuyo, ukhonze yona yodwa.
11. Andule ke uMtyholi ukumyeka; nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.
12. Ke kaloku, akuva uYesu ukuba uYohane unikelwe entolongweni, wemka waya kwelaseGalili.
13. Wathi esukile eNazarete, weza wahlala eKapernahum engaselwandle, emideni yakwaZebhulon neyakwaNafetali;
14. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi,
15. Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNafetali,Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan,WaseGalili yeentlanga,
16. Abantu abo bàhleli ebumnyameniBabonè ukukhanya okukhulu;Nâbò bahleli ezweni nasethunzini lokufaBavelelwe kukukhanya.(UIsaya 9:1,2)
17. Waqala oko uYesu ukumemeza, esithi, Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.