Umateyu 25:29-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Kuba wonke umntu onako uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

30. Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

31. Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;

32. zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;

33. athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.

34. Úya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;

35. kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;

36. ndandizé, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.

Umateyu 25