Umateyu 24:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,* balahlekise into eninzi.

6. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.

7. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.

8. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.

9. Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.

10. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane.

Umateyu 24