5. Kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguKristu,* balahlekise into eninzi.
6. Niya kuthi ke nive iimfazwe namarhe eemfazwe; lumkani ningabi navuso, kuba zonke ezo zinto zimele ukuhla; kanti kona ukuphela akukabikho.
7. Kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iindlala, neendyikitya zokufa, nezinyikimo zomhlaba kwiindawo ngeendawo.
8. Zonke ke ezo zinto zikukuqaleka kwenimba.
9. Ngelo xesha baya kuninikela ekubandezelweni, banibulale; niya kuthiywa ziintlanga zonke ngenxa yegama lam.
10. Ngelo xesha baninzi abaya kukhutyekiswa, banikelane, bathiyane.