Umateyu 22:40-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

40. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.

41. Bakubon' ukuba bahlanganisene ke abaFarisi,

42. uYesu wabuza kubo, esithi, Nithini na nina ngaye uKristu?* Ungunyana kabani na? Bathi kuye, kaDavide.

43. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi,

44. Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?(INdum. 110:1)

45. Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, Ășngunyana wakhe ngani na?

Umateyu 22