Umateyu 22:37-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Wathi ke uYesu kuye, Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.

38. Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho.

39. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.

40. Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.

41. Bakubon' ukuba bahlanganisene ke abaFarisi,

42. uYesu wabuza kubo, esithi, Nithini na nina ngaye uKristu?* Ungunyana kabani na? Bathi kuye, kaDavide.

43. Athi kubo, Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya ambize ngokuthi, Nkosi, esithi,

44. Yathi iNkosi eNkosini yam,Hlala ngasekunene kwam,Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho?(INdum. 110:1)

45. Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, Ășngunyana wakhe ngani na?

46. Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli; kananjalo kususela kuloo mini, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.

Umateyu 22