1. Kuthe ke, akubon' ukuba uYesu uzelwe eBhetelehem yelakwaYuda, emihleni kaHerode ukumkani, kwabonakala kufika eYerusalem izazi zivela empumalanga, zisithi,
2. Uphi na lo uzelweyo, ukumkani wamaYuda? Kuba sibone inkwenkwezi yakhe empumalanga; sizé kumnqula.
3. Uthe ke uHerode ukumkani, akuva, wakhathazeka, yena nayo yonke iYerusalem naye.
4. Wahlanganisa ke bonke ababingeleli abakhulu nababhali babantu, wababuza ukuba ubeya kuzalelwa phi na uKristu.*
5. Bathe ke kuye, EBhetelehem yelakwaYuda; kuba kubhaliwe ngomprofeti kwathiwa,
6. Nawe Bhetelehem, mhlaba wakwaYuda,Akunguye nakanye omncinanana phakathi kwabalawuli bakwaYuda:Kuba kuwe apha kuya kuphuma uMlawuli,Onguyena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli.(UMika 5:2)
7. Kwakuba njalo, uHerode, ezibize ngasese izazi ezo, waqondisisa kakuhle kuzo ixesha lokubonakala kwenkwenkwezi leyo;
8. wazithuma ke eBhetelehem, wathi, Hambani niye nicokise ukubuzisa ngomntwana lowo; xa ke nithe namfumana, ze nindibikele, ukuze nam ndiye kumnqula.
9. Zimvile ke zona ukumkani, zahamba; nantso inkwenkwezi leyo zayibonayo empumalanga izandulela, yada yaya kuma phezu kwendawo abekuyo umntwana lowo.