Umateyu 18:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Yasikwa ke yimfesane inkosi yaloo mkhonzi, yamkhulula, yamxolela ityala elo.

28. Uphumile ke loo mkhonzi, wafumanana nomnye wabakhonza kunye naye obenetyala kuye leendenariyo* ezilikhulu; wambamba, wamkrwitsha, esithi, Ndíhlawule ityala onalo.

29. Wawa phantsi ngoko ezinyaweni zakhe lo ubekhonza kunye naye, wamana embongoza, esithi, Khawundenze kuhle, ndokuhlawula lonke.

30. Akavumanga ke; waya wamphosa entolongweni, ade alihlawule ityala elo.

31. Bathi ke abo babekhonza kunye naye, bakubona oko kwenzekileyo, baba buhlungu kakhulu, beza bayityela inkosi yabo konke oko kwenzekileyo.

Umateyu 18