1. Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waluva udaba lukaYesu,
2. wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye.
3. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
4. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.
5. Wathi efuna ukumbulala, woyika abantu; ngokuba babebambe ukuthi ungumprofeti.