1. Ngelo xesha uHerode, umphathi wesahlulo sesiné selizwe, waluva udaba lukaYesu,
2. wathi kubakhonzi bakhe, Lo nguYohane umbhaptizi. Yena uvukile kwabafileyo; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyasebenza kuye.
3. Kuba uHerode wambamba uYohane, wambopha, wamfaka entolongweni ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu, umninawa wakhe.
4. Kuba wayethe uYohane kuye, Akuvumelekile ukuba ube naye.