Umateyu 13:31-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe;

32. lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.

33. Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni* zozithathu zomgubo, wada wabaliswa uphela.

34. Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo;

35. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam,Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.(INdum. 78:2)

36. Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.

37. Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu;

38. intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo;

39. utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu.

Umateyu 13