Umateyu 13:23-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.

24. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe.

25. Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka.

26. Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza.

27. Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? Phofu iwuzuze phi na umdiza?

28. Wathi ke kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi ke abakhonzi kuye, Ùyathanda na ke ukuba siye siwubuthe?

29. Uthe ke, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo.

30. Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngenxa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam.

31. Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe;

32. lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.

33. Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni* zozithathu zomgubo, wada wabaliswa uphela.

34. Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo;

35. ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam,Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.(INdum. 78:2)

36. Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi.

Umateyu 13