13. Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.
14. Akufika kubafundi, wabona isihlwele esikhulu sibaphahlile, nababhali bebuzana nabo.
15. Sathi kwaoko sonke isihlwele sakumbona saqhiphuka umbilini; beza kuye ngokubaleka, bambulisa.
16. Wababuza ababhali, esithi, Nibuzana ntoni na nabo?
17. Waphendula omnye wasesihlweleni wathi, Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo;
18. apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke ome; ndithethé kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.
19. Amphendule ke yena athi, Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele? Mziseni kum.
20. Bamzisa kuye. Akumbona, wesuka kwaoko umoya, wambetha wee xhwenene; wawa emhlabeni, wamana eqikaqikeka, elephuza amagwebu.
21. Wabuza kuyise, ukuba kumgama ungakanani na imhlile le nto. Wathi ke yena, Kwaesengumntwana;
22. úmphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise; ukuba ùnako ukwenza into, sisize, usikwe yimfesane sithi.