5. Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.
6. Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele.
7. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.
8. Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.