Umarko 8:5-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wayebabuza esithi, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe.

6. Wasithethela isihlwele ukuba sihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha izonka zosixhenxe, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, ukuze babeke phambi kwabo; babeka ke phambi kwaso isihlwele.

7. Baye beneentlanzana ezimbalwa; akuba esikelele, wathi mazibekwe phambi kwabo nazo.

8. Badla ke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe.

Umarko 8