50. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika.
51. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa;
52. kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile.
53. Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni.
54. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu;