39. Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza.
40. Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu.
41. Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke.
42. Badla ke bonke bahlutha.
43. Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.