Umarko 4:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.

8. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.

9. Wathi kubo, Lowo uneendlebe zokuva makeve.

10. Ke kaloku, xa abeyedwa, abo babemphahlile, ndawonye nabalishumi elinababini, bambuza umzekeliso lowo.

11. Wathi kubo, Nikuphiwe nina ukuyazi imfihlelo yobukumkani bukaThixo; ke kwabo bangaphandle zonke izinto ezi zibakho ngemizekeliso;

12. ukuze bebona nje, babone bangaqiqi; besiva nje, beve bangaqondi; hleze babuye, zebaxolelwe izono zabo.

Umarko 4