1. Wabuya waqala ukufundisa ngaselwandle. Kwahlananisana kuye isihlwele esikhulu, ngokokude aye kungena emkhombeni, ahlale elwandle yena; sabe sonke isihlwele sisemhlabeni, sibheké elwandle apho.
2. Wayebafundisa iindawo ezininzi ngemizekeliso.Ubesithi kubo ekubafundiseni kwakhe, Phulaphulani;
3. yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela;
4. kwathi ekuhlwayeleni kwakhe, inxalenye yembewu yawa ngasendleleni, zeza iintaka zezulu zayidla zayigqiba.
5. Enye yawa endaweni elulwalwa, apho ibingenamhlaba mninzi; yantshula ke kwaoko, ngenxa yokuba ibingenabunzulu bamhlaba;
6. ithe ke, lakuphuma ilanga, yatsha, yathi ngenxa yokuba ingenangcambu, yoma kwaphela.
7. Yimbi yawa emithaneni enameva; yakhula imithana enameva yayiminxa; ayanika siqhamo.
8. Yimbi yawa kuwo wona umhlaba omhle, yanika isiqhamo esakhulayo sachuma; yathwala amashumi amathathu enye, namashumi amathandathu enye, nekhulu enye.