28. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;
29. ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgewele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.
30. Watsho kuba besithi, Ăšnomoya ongcolileyo.
31. Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.
32. Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.
33. Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?
34. Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam.