Umarko 3:28-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;

29. ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgewele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.

30. Watsho kuba besithi, Ăšnomoya ongcolileyo.

31. Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.

32. Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.

33. Wabaphendula esithi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam?

34. Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, uthi, Nanku uma nabazalwana bam.

Umarko 3