Umarko 3:12-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wayebakhalimela kakhulu ukuba bangamtyhili.

13. Uthi ke anyuke intaba, abizele kuye abo abethanda ukubabiza yena ngokwakhe; besuka beza kuye.

14. Wadala balishumi elinababini, ukuze babe naye, nokuze abathume baye kuvakalisa ubukumkani bukaThixo,

15. babe negunya lokuziphilisa izifo, nelokuzikhupha iidemon.

16. YanguSimon, awamthiya igama elinguPetros;

17. yanguYakobi lo kaZebhedi, noYohane umzalwana kaYakobi, awathi bona wabathiya amagama okuba ngooBhowanerges, oko kukuthi, ngabeendudumo;

18. yanguAndreya, noFilipu, noBhartolomeyu, noMateyu, noTomas, noYakobi, lo ka-Alifeyu, noTadeyu, noSimon Kanan,

19. noYuda Sikariyoti, owamngcatshayo nokumngcatsha.

20. Bathi beze ekhaya; kubuye kubuthelane izihlwele, ngokokude bangabi nako nokudla isonka.

21. Bevile abakowabo, baphuma beya kumbamba; kuba babesithi, Úyageza.

22. Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, ÚnoBhelezebhule;* besithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.

23. Uthe ebabizele kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angáthini na uSathana ukukhupha uSathana?

24. Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani;

25. nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu;

26. noSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile.

27. Akukho unako ukuthi impahla yegorha angene endlwini yalo ayiphange, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo, andule ukuyiphanga indlu yalo.

28. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo;

29. ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgewele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade.

30. Watsho kuba besithi, Únomoya ongcolileyo.

31. Bafika ke kaloku abazalwana bakhe nonina; bathi, bemi ngaphandle, bathumela kuye bembiza.

32. Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna.

Umarko 3