Umarko 15:37-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Wathi ke uYesu, ekhuphe izwi elikhulu, waphuma umphefumlo.

38. Lathi ikhuselo lengcwele lakrazuka kubini, lithabathela phezulu lada lesa phantsi.

39. Ebonile ke umthetheli-khulu obemi malunga naye, ukuba wenjenjalo ukudanduluka waphuma umphefumlo, uthe, Inyaniso, lo mntu ubenguNyana kaThixo.

40. Kwaye ke kukho nabafazi, bekhangele bemgama; kubo apho wayenguMariya waseMagadala, noMariya unina wooYakobi omnci nokaYose, kwanoSalome;

41. ababesithi, oko ebeba kwelaseGalili, bamlandele, bamlungiselele; nabanye abaninzi, ababenyuke naye ukuya eYerusalem.

42. Kuthe sekuhlwile, ekubeni ibiyimini yokulungiselela, oko kukuthi ngumhla ophambi kwesabatha,

43. kweza uYosefu, owaseArimati, umphakathi obekekileyo, owayebulindile naye ubukumkani bukaThixo; waya kungena ngobuganga kuPilato, wacela umzimba kaYesu.

Umarko 15