Umarko 14:33-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. athabathe naye uPetros noYakobi noYohane. Waqala ukuqhiphuka umbilini, nokudandatheka kakhulu.

34. Athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde.

35. Ehambele phambili umganyana, wawa emhlabeni, wathandazela, ukuba kunokwenzeka, lidlule kuye ilixa elo.

36. Wayesithi, Abha,* Bawo, zonke izinto zinokwenzeka kuwe; yigqithise kum le ndebe; noko ke makungabi kokuthandwa ndim, makube kokuthandwa nguwe.

37. Uyeza, abafumane belele; athi kuPetros, Simon, ulele na? Ubungenakulinda noko lilinye na ilixa?

38. Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.

39. Wabuya wemka wathandaza, ethetha kwalona elo lizwi.

Umarko 14