Umarko 14:21-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.

22. Bakubon' ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.

23. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke.

Umarko 14