5. Wabaphendula ke uYesu waqala ukuthi, Lumkani ningalahlekiswa bani;
6. kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi banguye uKristu,* balahlekise into eninzi.
7. Xa nithe neva iimfazwe namarhe eemfazwe, musani kuba navuso; kuba ezo zinto zimelwe kukuhla, ukanti kona ukuphela akukabikho;
8. kuba uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani; kuya kubakho iinyikima zomhlaba kwiindawo ngeendawo; kuya kubakho neendlala neenkathazeko; ziingqaleko ke zenimba ezo.
9. Zilumkeleni ke okwenu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala, nityatyulwe ezindlwini zesikhungu, nimiswe phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, kube bubungqina kubo.