Umarko 12:24-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Waphendula uYesu wathi kubo, Anilahleki na, ngenxa yale ndawo yokuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo?

25. Kuba, xa bathe babuya bavuka kwabafileyo, àbazeki, àbendiswa; banjengazo izithunywa ezisemazulwini.

26. Ngokusingisele kwabafileyo ke, ukuba bayavuka, anilesanga na encwadini kaMoses, endaweni ethetha ngetyholo, okokuba uThixo wathetha kuye esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi?

27. AkaThixo wabafileyo, unguThixo wabaphilileyo. Nina ke ngoko niyalahleka kakhulu.

28. Kwafika omnye wakubabhali; wabeva bebuzana; waqonda ukuba ubaphendule kakuhle. Wambuza esithi, Owona mthetho uphambili kuyo yonke nguwuphi na?

29. UYesu wamphendula ke esithi, Owona ungaphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Sirayeli, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye;

30. uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho.

31. Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunalé.

32. Wathi umbhali kuye, Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukho wumbi ngaphandle kwakhe;

33. nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshiswayo kuphele, nemibingelelo.

Umarko 12