10. Mabubongwe ubukumkani bobawo wethu uDavide, obo buzayo egameni leNkosi! Hosana enyangweni!
11. Uthe ke uYesu wangena eYerusalem nasetempileni; ezisingasingile izinto zonke, wathi, kuba bekusekuhlwile, waphuma waya eBhetani, enabalishumi elinababini.
12. Uthe ngengomso, bakubon' ukuba baphumile eBhetani, walamba.
13. Wathi, ebone umkhiwane ukude, unamagqabi, waya kukhangela ukuba angafumana nto na kuwo; akufika kuwo, akafumana nto, kwakuphela ngamagqabi; kuba belingelilo ixesha lamakhiwane.
14. Waphendula uYesu wathi kuwo, Makungaze kudle mntu siqhamo kuwe naphakade. Baye besiva ke abafundi bakhe.