18. Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela — nguThixo.
19. Uyayazi imithetho: Musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqinela ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko.
20. Uphendule ke yena wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam.
21. Uthe ke uYesu, ondele kuye, wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza ke undilandele, uwuthwele umnqamlezo.
22. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi.
23. UYesu esingasingile, wathi kubafundi bakhe, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo!