51. Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina.
52. Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa.
53. Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile.
54. Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka.
55. Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle.