Uluka 8:51-55 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

51. Ke kaloku, engenile endlwini, akavumelanga mntu ukuba angene naye, kwaba kuphela nguPetros, noYohane, noYakobi, noyise wentombi, nonina.

52. Baye ke bonke belila, beyimbambazelela. Wathi ke yena, Musani ukulila; ayifile, ilele nje kodwa.

53. Basuka bamwa ngeentsini, besazi ukuba ifile.

54. Uthe ke yena, wabakhuphela phandle bonke, wayibamba ngesandla, wabiza esithi, Ntombi, vuka.

55. Wabuya umoya wayo, yesuka yema kwangoko; wamisa ukuthi mayinikwe into, idle.

Uluka 8