1. Kwathi emva koko, wayihamba imizi ngemizi, nemizana ngemizana, ezivakalisa ezishumayela iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo; babenaye abalishumi elinababini.
2. Nabafazi abathile ababephiliswe koomoya abangendawo nasebulwelweni, uMariya okuthiwa ngowaseMagadala, ekwakuphume kuye iidemon zosixhenxe,
3. noYohana, umfazi kaKuza, igosa likaHerode, noSusana, nabanye abaninzi; bona babemlungiselela ngeempahla zabo.
4. Ke kaloku, kwakubon' ukuba kuntontelene isihlwele esikhulu, bathi nabemizi ngemizi bawomela kuye.
5. Wathi ngomzekeliso, Umhlwayeli waphuma waya kuyihlwayela imbewu yakhe. Ekuhlwayeleni kwakhe yawa enye ngasendleleni, yanyathelwa, zathi iintaka zezulu zayidla zayigqiba.