7. Baye ke bemlalele ababhali nabaFarisi, ukuba wophilisa na ngesabatha; ukuze bafumane indawo yokummangalela.
8. Kodwa yena ebezazi izicamango zabo, wathi kuloo mntu usandla somileyo, Phakama, umele phakathi. Usukile ke wema.
9. Uthe ngoko uYesu kubo, Ndiya kunibuza into: okuvumelekileyo ngesabatha kukwenza okulungileyo, kukwenza okubi, kusini na? Kukusindisa ubomi, kukubulala, kusini na?
10. Akuba ebasingasingile bonke, wathi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wenjenjalo ke; sabuya saphila ke isandla sakhe, saba kwanjengesinye.