40. Kuthe ke bakubon' ukuba liyatshona ilanga, bonke abo babenabafayo zizifo ngezifo, babazìsa kuye; wazibeka izandla phezu kwabo bonke ngabanye, wabaphilisa.
41. Zaye ke needemon ziphuma kwabaninzi, zikhala zisithi, Wena unguye uKristu,* uNyana kaThixo. Uthe ezikhalimela, akazivumela ukuba zithethe; ngokuba bezimazi ukuba unguye uKristu.
42. Kwakusa, waphuma waya endaweni eyintlango; zaye izihlwele zimfuna, zada zaza kufika kuye; zazimbambezela ukuba angemki kuzo.
43. Uthe ke kuzo, Ndimelwe kukuba ndizishumayele iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakweminye imizi, ngokuba ndithunywe oko.
44. Waye ezivakalisa ke ezindlwini zesikhungu zelaseGalili.