30. Usuke yena wacanda phakathi kwabo, wemka.
31. Wehla waya eKapernahum, umzi welaseGalili; wayebafundisa ngesabatha.
32. Baye ke bekhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ilizwi lakhe libe linegunya.
33. Kwaye kukho endlwini yesikhungu apho umntu onomoya wedemon engcolileyo;
34. wakhala ngezwi elikhulu, esithi, Yoo! yini na enathi nawe, Yesu waseNazarete? Uze kusitshabalalisa na? Ndiyakwazi wena, lowo unguye; ungoyiNgcwele kaThixo.