22. Kananjalo abafazi abathile bethu, ababesengcwabeni kwakusasa, babéthe sathi nqa.
23. Bathe bengawufumani umzimba wakhe, beza besithi, babone nombono wezithunywa zezulu, ezithi zona, uhleli.
24. Basuka nabathile ababenathi, baya engcwabeni, bafika kunjengoko babetshilo abafazi; ke yena abambonanga.
25. Waza yena wathi kubo, Oyi! baswelikuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthetháyo abaprofeti!
26. UKristu* ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?
27. Uqalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.
28. Basondela kuloo mzana babesiya kuwo; wanga yena uyegqitha.
29. Besuka bamzama, besithi, Hlala nathi; ngokuba kuza kuhlwa, nemini iseyisangene. Wangena ukuba ahlale nabo.