Uluka 21:5-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke kaloku, kwakubon' ukuba abathile bayathetha ngayo itempile, ukuba ihonjiswe ngamatye amahle nangeminikelo, wathi,

6. Ezi zinto nizibona nje, kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye, elingayi kuchithwa.

7. Bambuza ke besithi, Mfundisi, ziya kubakho nini na ke ezi zinto? Úya kuba yintoni na nomqondiso, xa ngaba ezi zinto ziza kubakho?

8. Wathi ke yena, Lumkani ningalahlekiswa; kuba baninzi abaya kuza egameni lam, besithi, banguye uKristu;* ewe, ixesha lisondele; ngoko musani ukubalandela.

9. Xa nithe neva iimfazwe neziphithiphithi, musani ukunkwantya; kuba ezo zinto zimele ukuthi zihle kuqala; sona ke isiphelo asiyi kuba kwaoko.

10. Wandula wathi kubo, Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nobukumkani buvukelane nobukumkani.

11. Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.

Uluka 21