22. Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.
23. Yeha ke, abamithiyo nabanyisayo ngaloo mihla; kuba kuya kubakho ingxakeko enkulu phezu kwawo umhlaba, nengqumbo kwaba bantu;
24. bawe ngohlangothi lwekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga, neYerusalem inyathelelwe phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga.
25. Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; nasemhlabeni kubekho ukuxinezeleka kweentlanga, zithingaza; lugquma ulwandle namaza;