Uluka 21:11-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu kwiindawo ngeendawo, neendlala, neendyikitya zokufa; kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.

12. Ngaphambili ke kwazo zonke ezo zinto, baya kunĂ­sa izandla, banitshutshise, beninikela ezindlwini zesikhungu nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.

13. Oko ke kuya kuthi kube bubungqina kuni.

14. Kumiseni ngoko ezintliziyweni zenu, ukuba ningĂ kucingi ngaphambili ukuziphendulela.

15. Kuba mna ndiya kuninika umlomo nobulumko, abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo, bonke abanichasileyo.

16. Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabazalwana, nayimizalwane, nazizihlobo, kubekho nabababulalayo kuni;

17. nithiywe ngabantu bonke ngenxa yegama lam.

18. Akusayi kutshabalala nonwele olu entlokweni venu.

19. Ekunyamezeleni kwenu, noyizuza imiphefumlo yenu.

20. Xa nithe nayibona iYerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini oko ukuba kusondele ukuphanza kwayo.

21. Ngelo xa mabathi abakwelakwaYuda basabele ezintabeni, nabo baphakathi kwayo mabaphume bemke, nabo basemaphandleni mabangangeni kuyo.

22. Ngokuba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhaliweyo.

Uluka 21