Uluka 2:27-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Weza ngaye uMoya etempileni; kwathi, ekumngeniseni kwabo abazali umntwana uYesu, ukuba bamenze ngokwesiko lomthetho,

28. yena wamamkelela ezingalweni zakhe, wabonga uThixo, wathi:

29. Ùyamndulula ngoku umkhonzi wakho enoxolo,Mnini-nto-zonke, ngokwelizwi lakho;

30. Ngokuba amehlo am alubonile usindiso lwakho,

31. Olulungisileyo ebusweni bazo zonke izizwe,

32. Isikhanyiso sokutyhilela iintlanga,Uzuko lwabantu bakho, amaSirayeli.

33. Babemangaliswa ooYosefu nonina zezo zinto zithethwayo ngaye.

34. USimon wabasikelela, wathi kuMariya unina, Ùyabona, lo umiselwe ukuwa nokuvuka kwabaninzi kwaSirayeli, nokuba abe ngumqondiso ochasiweyo;

35. ngokokuze zibe nokutyhilwa izicamango eziphuma ezintliziyweni ezininzi; ewe ke, nowakho umphefumlo ikrele liya kuwutyhutyha.

36. Kwaye kukho noAna umprofetikazi, intombi kaFanuweli, wesizwe sika-Ashere. Yena waye eselekhulile kakhulu; waye ke ebehleli nendoda iminyaka esixhenxe, ethabathela ebuntombini bakhe.

37. Waye yena engumhlolokazi ominyaka ngathi imashumi asibhozo anaminé, obengemki etempileni, ekhonza uThixo ngokuzila ukudla nangokukhunga ubusuku nemini.

38. Yena wayemele kufuphi ngelo lixa, wathelela ekuyidumiseni iNkosi; wayethetha ngayo kubo bonke abo babelinde ukukhululwa ngentlawulelo, eYerusalem.

Uluka 2