Uluka 19:8-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi, Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; nokuba ndidlé into kabani ngokumtyhola, ndimbuyisela kané.

9. Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufiké usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham;

10. kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo.

Uluka 19