25. Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi.
26. Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako ke, uya kuhluthwa kwanoko anako.
27. Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam.
28. Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem.
29. Kwathi, akusondela eBhetefage naseBhetani, esingise entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, wathi,
30. Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nĂ²thi, nakungena kuwo, nifumane ithole le-esile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise.