9. Ke kaloku wathetha lo mzekeliso nakwabathile, ababekholose ngokuthi ngaphakathi kwabo bangamalungisa, bengabenzé nto abanye:
10. Amadoda amabini enyuka aya etempileni, esiya kuthandaza; enye ingumFarisi, enye ingumbuthi werhafu.
11. UmFarisi, ezimise yedwa, wayethandaza esithi, Thixo, ndiyabulela kuwe, ukuba ndingènjengabanye abantu, abaphangi, abangemalungisa, abakrexezi; ndingènjengaye nalo mbuthi werhafu.
12. Ndizila ukudla kabini ngeveki, ndinikela izishumi zako konke endikuzuzayo.
13. Waye umbuthi werhafu emi kude, engathandi nokuphakamisela amehlo akhe ezulwini; wamana ukubetha esifubeni sakhe, esithi, Thixo, yiba netarhu kum, mna moni.
14. Ndithi kuni, Wehla lo waya endlwini yakhe, egwetyelwe yena kunalowa; ngokuba wonke umntu oziphakamisayo uya kuthotywa; nozithobayo ke uya kuphakanyiswa.
15. Ke kaloku baye bezisa kuye neentsana zabo, ukuze azichukumise; bebonile ke abafundi, babakhalimela.
16. Ke yena uYesu wazibizela kuye, wathi, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli; kuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo.
17. Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akasayi kukha angene kubo.