1. Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve.
2. Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.
3. Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi,
4. Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane?