32. Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.
33. Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.
34. Ilungile ityuwa; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa?
35. Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.