Uluka 13:33-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. Kodwa ndimelwe kukuthi ndihambe namhla nangomso nangolandelayo; ngokuba akangekhe umprofeti atshabalalele ngaphandle kweYerusalem.

34. Yerusalem, Yerusalem, ebabulalayo abaprofeti, ibagibisele ngamatye abo bathunywe kuyo! Kufuthi kangakanani na ndathandayo ukubabuthela ndawonye abantwana bakho, ngohlobo esithi isikhukukazi siwabuthele ndawonye amantshontsho aso ngaphantsi kwamaphiko aso, anavuma!

35. Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ízé. Inene, ndithi ke kuni. Aniyi kuba sandibona, kude kufike ixesha eniya kuthi, Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.

Uluka 13