Uluka 12:19-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali.

20. Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo?

21. Ăšnjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.

22. Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na.

23. Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.

Uluka 12