Uluka 11:48-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

48. Kambe niyayingqinela niyithakazela imisebenzi yooyihlo; ngokuba bona okunene bababulala, niyawakha ke nina amangcwaba abo.

49. Ngenxa yoko nobulumko bukaThixo bâthi, Ndiya kubathumela abaprofeti nabapostile;* kubo abo ke baya kuyibulala inxenye, bayitshutshise inxenye;

50. ukuze limenywe kwesi sizukulwana igazi labo bonke abaprofeti elaphalazwayo, kuseloko lasekwayo ihlabathi;

51. lithabathela egazini lika-Abheli, lide lizise egazini likaZekariya, owatshabalalela phakathi kwesibingelelo nendawo eyingcwele. Ewe, ndithi kuni, liya kumenywa kwesi sizukulwana.

52. Yeha nina, baqondisi-mthetho! Ngokuba nasisusa isitshixo sokwazi; nina anangena, nabangénayo nabaléla.

53. Ke kaloku, akubon' ukuba uyazithetha ezi zinto kubo, baqala ababhali nabaFarisi ukuba nenqala enkulu nokumcofa ngemibuzo emininzi,

Uluka 11