Uluka 10:3-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Hambani; niyabona, mna ndinithuma njengeemvana phakathi kweengcuka.

4. Musani ukuphatha ngxowa yamali, nangxowa yamphako, nazimbadada; ningabulisi mntu endleleni.

5. Nendlu enisukuba ningene kuyo, yithini kuqala, Uxolo malube kule ndlu.

6. Ukuba angaba ulapho owoxolo, uxolo lwenu lohlala phezu kwakhe; ukuba ke akunjalo, lobuyela kwakuni.

7. Hlalani ke kuloo ndlu, nisidla nisela izinto abanazo; kuba umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. Musani ukuphuma ningena zindlwini.

8. Emzini ke enisukuba ningena kuwo, banàmkele, yidlani izinto abazibeka phambi kwenu;

9. niyiphilise imilwelwe ekhona, nithi kubo, Busondele kuni ubukumkani bukaThixo.

10. Emzini enisukuba ningena kuwo, banganamkeli, phumani niye ezitratweni zawo, nithi,

11. Nothuli lomzi wenu olunamathele kuthi, siluvuthululela kuni; kodwa ke kwazini khona oku, ukuba busondele kuni ubukumkani bukaThixo.

Uluka 10