Uisaya 7:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. UYehova uya kukuzisela wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela kwimini wemka ngayo uEfrayim kwaYuda; ngukumkani waseAsiriya ke lowo.

18. Kothi ngaloo mini uYehova ayenzele ikhwelo impukane esekupheleni kwemijelo yoMnayile waseYiputa, nenyosi esezweni laseAsiriya;

19. zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke.

20. Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo,* ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu.

21. Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini;

22. kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe.

Uisaya 7