1. Phulaphulani kum, nina babusukelayo ubulungisa, bamquqelayo uYehova; bhekani eweni enaxholwa kulo, nasesigingqini somhadi enembiwa kuwo.
2. Bhekani kuAbraham uyihlo, nakuSara owanizalayo; kuba waye emnye ndakùmbiza, ndakùmsikelela, ndakùmandisa.
3. Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi.