Uisaya 5:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Intánda yam makhe ndiyivumele ingoma yentánda yam, ngesidiliya sayo.Intánda yam ibé inesidiliya endulini echumayo;

2. yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yákha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo.

3. Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.

Uisaya 5