1. Intánda yam makhe ndiyivumele ingoma yentánda yam, ngesidiliya sayo.Intánda yam ibé inesidiliya endulini echumayo;
2. yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yákha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo.