1. UBhele* uyaguqa, uNebho* uya bhanyalaza; izithixo zabo zibekwe emaqegwini nasezinkomeni ezitsalayo; ezi nibe nizithwala zibotshiwe, zingumthwalo kwizinto ezityhafileyo.
2. Izithixo zabhanyalaza, zaguqa kunye, azaba nakuzisiza ekuthwaleni, ke inkqu yazo yaya ekuthinjweni.
3. Phulaphulani kum, ndlu kaYakobi, nonke masalela endlu kaSirayeli, nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini, nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni;